Isondlo osinika iinkomo zakho sibaluleke kakhulu, kuba siso esi sijika sibeyinyama enencasa, enezondlo kwabo bathi bayitye kamva. Ngoko ke ulwazi lokuba yondliwa njani inkomo yenyama lubalulekile kuwe mfama, ukuze uvelise iinkomo zenyama ezisemgangathweni.
Inkomo yenyama xa isondliwayo ukuba ilungele ukuvelisa inyama esemgangathweni itya umyinge wesondlo ozikhilogram ezintathu, kumzimba obunzima buzikhilogram ezilikhulu. Oku kuthetha ukuba ufanelwe ukuba ubenesondlo esaneleyo kwiinkomo zakho ukuze uvelise inyama esemgangathweni.
Ngaphandle kwesondlo sokuxheshisa okanye ukufida, kubalulekile ukuba iinkampi otyisa kuwo ibekwimeko entle. Amadlelo akho kumele ukuba abenengca eyaneleyo ukugcina iinkomo zakho zihlutha, ukuze zikunike inyama efanelekileyo nesemgangathweni. Inyama yenkomo yeli loMzantsi Afrika iyafunwa ngamandla kweli nakwihlabathi ngokubanzi.
Okuthetha ukuba uyakhula umdla wehlabathi ukufuna inyama yenkomo yelizwe loMzantsi Afrika. Inkomo eyondliwe ngendlela eyiyo ivelisa inyama enencasa efunwa ngabathandi benyama yenkomo.
Amadlelo akho ke kumele ukuba abenengca afanele isisu senkomo, asiyiyo yonke ingca efanele isisu senkomo. Fumana ulwazi ke kwiingcali malunga nohlobo lengca eveliswa ziinkampi ezitya kuzo iinkomo zakho mfama. Ukuba ulwazi olufumanayo luthi ingca yeenkampi utyisa kuyo ayifanelanga isisu senkomo, iyatshintshwa ingca ngokutyala efanelekileyo.
Ingca efanele iinkomo idla ngokuba luhlobo lengca ekuthwa yiKiguyu, Kluva nezinye ezaziwa ziingcali. Ukubakho kwamanzi aneleyo kubaluleke kakhulu, kaloku lengca kufuneka ukuba ikwazi ukucoleka esuswini ngokwenziwa ngamanzi aselwa yinkomo.
Iinkomo zenyama ziveliswa phantsi kweendidi ezintathu zokondla iinkomo ezisemgangathweni. Kukho ukuzivalela kwindawo ethile apho zigcinwa zisitya zisela kuphela, zixheshiswa ngaxeshanye.
Kukwakho uhlobo apho ezinkomo zitya ngoku khululekileyo emadlelweni athe gabalala, zixhomekeke ekutyeni ingca kuphela. Kukwakho uhlobo lokondla oludibanisa zombini ezindlela zingasentla zokuxheshisa iinkomo zakho. Ulwazi olupheleleyo ngohlobo lenkomo oyivelisayo, umhlaba omikuwo, kwakunye nohlobo lengca owondla ngalo iinkomo zakho.
Iinkomo zenyama zindidi, ngoko kubalulekile okokuba ukhethe inkomo oqinisekileyo ukuba ihambelana nomhlaba omikuwo mfama. Ukuze uphumelele kwimveliso yeenkomo zenyama kufuneka ukuba uqiniseke ukuba ziphilile iinkomo zakho. Impilo yemfuyo yakho yeyona nto ibaluleke kakhulu kunazo zonke izinto eziqhubeka kwifama yakho.
Ukuba ufuna ukuvelisa iinkomo zenyama ezisemgangathweni kufuneka ukwamnkele ukuba uzakuchitha imali kuzo ukuze zikwenzele imali kamva. Inkomo yenyama eyakhiwe ngendlela eyiyo isela amanzi azilitha ezingamashumi asixhenxe ngemini, ngoko ke amanzi kumele abekho ngokwaneleyo mfama.