UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uThoko Didiza esamnkela uMongameli waseTanzania uSamia Suluhu Hassan.
UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uThoko Didiza uthunywe nguMongameli uCyril Ramaphosa ukuba amnkele uMongameli welizwe laseTanzania uSamia Suluhu Hassan.
UHassan ukweli ukuza kuba yinxalenye yeenkokheli zehlabathi ezizo kuzimasa ingqungquthela yeBRICS ezakuqukunjelwa ngomso. Utyelelo lakhe eMzantsi Afrika ngelixesha kuqhutywa lengqunguthela lungqina ukuba ngenene maninzi amazwe aseAfrika afuna ukungena kwiBRICS.
Iinkokheli zamazwe weBRICS zikweli ukuza kushukuxa ikamva lamazwe aquka iBrazil, Rashiya, China, Indiya noMzantsi Afrika. Lo Mongameli ebekweli loMzantsi Afrika ngenyanga yoKwindla yalo nyaka kutyelelo laseburhulumenteni.
Maninzi amangcwaba woonyana neentombi zelizwe loMzantsi Afrika alele kwilizwe laseTanzania, nanje ngoko umbutho weANC nePAC babenikwe igwiba lokhuseleko kwela lizwe ngamaxesha wengcinezelo. Ilizwe loMzantsi Afrika liphakathi kwamazwe atyala imali eninzi kwilizwe laseTanzania ngenxa yoosomashishini abakwimikhakha eyahlukeneyo.
Ilizwe laseTanzania lelinye lamazwe athandiweyo ngamafama amhlophe weli emva kokungena koRhulumente wentando yesininzi. La mafama kuthwa abalekele kwela lizwe ngobuninzi ekhangela amarhwewu aluhlaza kuba engavumi ukwamnkela ukuphathwa nguRhulumente wabantu abamnyama.
Okwa ngoku ayikaziwa eyona nto izakwenziwa ngulo Mongameli, kodwa amarhe okuba ngomnye kwabo bebecele ukwamnkelwa nje ngamalungu weBRICS. UMongameli Hassan linenekazi lokuqala ukukhokela ilizwe laseTanzania nje ngoMongameli.
Ethetha ngethuba wayetyelele kweli ekuqaleni kwalo nyaka uHassan wayicacisa ukuba bazama ukwandisa amaqhina ozakuzelwano. “lizwe loMzantsi Afrika lihamba phambili ngokutyala imali kwilizwe laseTanzania, ngoko ke sijonge ukunabisa lomaqhina,” watsho uHassan.
Amazwe aseAfrika asele ebonakalise umdla ocacileyo wokuba ngamalungu weBRICS aquka uZambia, Nigeria kwakunye neMauritius. Kukho amarhe okuba iAlgeria, Senegal neJiphethe nawo avuza izinkcwe afuna ukuba ngamalungu weBRICS kungekudala. Umcimbi wokupheliswa kokusetyenziswa kwedollar kumazwe angamalungu eBRICS nje ngendlela yokuphungula amandla wedollar.
Ngamashumi amane epesenti ekhulwini inani labantu bamazwe aphantsi kweBRICS kwihlabathi, itsho ingxelo. Kunyaka ophelileyo amazwe eBRICS enze imali eninzi enokwenza ukuba akhule ngaphandle kokuxhomekeka.