UMphathiswa uNonkqubela Pieters.
UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters uthi lizakuvulwa kungekudala iziko lokuqeqesha ooGqirha bezilwanyana eFort Hare. Ukusungulwa kweli ziko kwadizwa yiNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane esenza intetho yakhe yobume besizwe eBisho.
UPieters uthi ngenene ikhona inkqubela ekhoyo malunga nokuqaliswa kweli ziko eFort Hare. “UMongameli uRamaphosa uthethe ngalo mcimbi, ebonakalisa inkxaso yakhe ngokusungulwa kweli ziko eFort Hare,” kutsho uPieters. Uthi ukuxhaswa kweli phulo nguRamaphosa kuthetha ukuba ngenene lizakuqhubeka kuba lidinga inkxaso yeofisi kaMongameli.
“Ukuba uMongameli ubonisa inkxaso yakhe kweli phulo lokusungula eliziko luphawu lokuba ngenene uRhulumente kazwelonke uyayibona imfuneko,” utsho uPieters.
Uhambisa athi ukusungulwa kweli ziko kuyakunika impendulo kwiingxaki zokunqongophala kooGqirha bezilwanyana. “Bakhona bona ooGqirha bezilwanyana, kodwa ke oku kuzakunabisa ngamandla amathuba kubantwana abafuna ukufundela ukuba ngooGqirha bezilwanyana,” kutsho uPieters.
YiYunivesithi yasePitoli kuphela kweli loMzantsi Afrika eqeqesha ooGqirha, amanye amaziko enza izifundo zenzululwazi kwimpilo yezilwanyana. “Singatsho ukuthi ngenene zikhona iindawo apha ephondweni abasashokoxeke kuzo ooGqirha bezilwanyana, kodwa amagosa wethu ayayivala lo nto ngokusoloko enceda,” uqhayisa atsho uPieters.
ISebe lemfundo ephakamileyo kuzwelonke sele libonise inkxaso yalo kwilinge lokusungulwa kweli ziko eFort Hare. Ukusungulwa kweli ziko eFort Hare kuyakwenza ukuba abantwana beMpuma Koloni abaphuma kwizikolo ezifundisa ezolimo bangene eFort ukuya kwenza izifundo zobuGqirha bezilwanyana.
“UMphathiswa uBlade Nzimande sele ebonise eyakhe inkxaso kweli phulo lokusungulwa kweli ziko eFort Hare, ngoko ke lo nto ithetha ukuba kulandelwa iinkqubo ezifanelekileyo ukuze kuqalwe kakuhle,” utshilo uPieters.
IMpuma Koloni inezikolo zabanga aphakamileyo ezimashumi amabini ezifundisa izifundo zenzululwazi yezolimo. UGqirha uJotelo Soga ozalwa kwindlu kaMfundisi uTiyo Soga ngowokuqala omnyama ukwenza izifundo zokuba ngGqirha wezilwanyana.
Usekela Mphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kuzwelonke uZoleka Capa uthi bayahamba ooGqirha bezilwanyana. “Uninzi labo bayaphuma kweli bayekukhangela amadlelo aluhlaza kumazwe angaphandle, asinako ke ukubanqanda kulo nto, kodwa ukusungulwa kweli ziko kuzakunceda kakhulu,” utsho uCapa. Kwinkqubo ibisandulela Imbizo kaMongameli uCyril Ramaphosa uCapa ubambe indibano namafama eKomani.
IMpuma Koloni liphondo elihamba phambili kwimveliso yenyama ebomvu, amaorenji, umbona, uboya kwakunye nezinye iimveliso zolimo. Ukusungulwa kweliziko kuyakuqinisa ngamandla inkqubo yokulima nokufuya. Eli ziko liyakuncedisa kwinkqubo yophando ngqangi ngemicimbi neengxaki ezihlasela abafuyi nabelimi.