Umhlaba olungele ukutyalwa.
Ukulungisa umhlaba phambi kokuba kutyalwe kusoloko kubalulekile ngamaxesha onke umfama ethatha isigqibo sokutya. Umhlaba ulungiswa nokuba uyaqala ukulinywa nokuba kudala ulinywa, kuba kumele ukuba kwenziwe oku.
Zininzi izizathu zokulungiswa komhlaba, kodwa esona siphambili kukuba kufuneka ukwazi ukugcina izithako ezityebisa umhlaba. Okunye okunyanzelisa ukuba umfama awulungise umhlaba kukuba kufuneka umhlaba uhlale ukwisimo esinye, isimo esithile. Ngenxa yokuba ulungisiwe umhlaba uvuleka intunja zokufamana amanzi, ilanga kwakunye nomoya.
Ezi zonke ziyafunwa ngamandla zizityalo zakho mfama ukuze zikhule. Ukulungiswa komhlaba kubangela ukuba izinto ezifana nengca, iindiza nekhula zitshone ngaphantsi komhlaba ukuze zijike zibesisichumiso.
Ukujika kwazo zibe sisichumiso kwenza ukuba umhlaba utyebe nokuba ubungatyebanga, ukuze utyale isiqhamo. Uninzi lezityalo ezityalwa kwimihlaba yamafama zithanda umhlaba olungiswe ukuba ukwazi ukwamnkela amanzi, umoya nezinye izithako zokwakha isityalo.
Amanzi ayasokola ukungena emhlabeni xa umhlaba ungalungiswanga, umoya kwakunye nezinye izithako. Izityalo ezifana netswele, bhithiruthi neminqathe etyalwa phantsi komhlaba zikholwa kakhulu kukutyalwa kumhlaba olungisiweyo. Amafama wamaXhosa athi le nkqubo kukugelesha xa eyibiza.
Umhlaba ugeleshwa emva kokuba kuvuniwe izityalo zonyaka ogqithileyo, okanye xa umfama ebengalimanga kunyaka ophelileyo elungiselela ukulima. Amanye amafama akwasebenzisa elithuba ukugalela umgquba kumasimi wawo okanye izichumiso kulawo asebenzisa izichumiso.
EzaseNtshona ke izichumiso zidla ngokugalelwa kwixesha eliphambi kokuba kutyalwe, logama wona umgquba ugalela kanye ngeli xesha. Xa kulungiswa umhlaba oqalayo ukusetyenzwa kubalulekile ukuba unikwe ixesha elaneleyo phambi kokuba kutyalwe.
Umhlaba ogqibele kudala ukutyalwa ungenwa ngamanzi kakuhle logama ukwavula intunja zokuphefumla kwawo. Xa ulungiswa uyaphethulwa, ufakwe idiski uze uerhwe emva koko kubulawa amagada ukuze ulungele ukutyalwa.
Ngelixesha kukwaphela ixesha lobusika kuqalisa ukufudumala komhlaba. Oku kufudumala komhlaba nako kufuneka kuvalelwe ngaphantsi komhlaba, okanye umhlaba ufunyanwe yimitha yelanga uqhekezwe ikhoko.
Ukanti akho amafama alungisa umhlaba wawo ngokutyala izityalo ezifana nehabile, iitapile nezinye izityalo. Izityalo ezithile ziyaziwa ngokuncedisa ukulungisa umhlaba, konke oku yinxalenye yokugeleshwa komhlaba ukuba ulungele ukutyala.
Eminye imihlaba ayifani ngoku ikwintsimi enye, ukugelesha kuyanceda ukuvala esosikhewu amagada omhlaba asondelelane. Ukudibana kwendidi zomhlaba ezingafaniyo kwintsimi enye kunganceda ukunyusa izinga lokutyeba lomhlaba.
Ukunyuka kwezinga lokutyeba komhlaba kunganyusa isivuno somfama othe walungisa umhlaba wakhe. Ukugelesha umhlaba kulungile mafama ingakumbi kwixesha eliphambi kokuba utyale. Oku kwenza ukuba imvula zasebusika okanye ikhephu lingene ngokwaneleyo emhlabeni ukuze utyebe.