Entsimini

Iyakhala iAgri SA ngenxa yokuhlaselwa kweloli

Siyabulela Mqikela|Published

Enye yeloli ezitshiswe kohola beli.

Ziloli ezingaphezu kwamashumi amabini ezitshiswe kwiindlela ezikwiphondo laseKZN naseMpumalanga ukusukela kwiveki ephelileyo. Ingxelo ithi eziloli uninzi lwazo luthwala imithwalo esuka kwiifama zelizwe loMzantsi Afrika ukuya kwiimalike ezahlukeneyo.

Imithwalo ethuthwa ngeloli kweli isuka efama ukuya kwiindawo ezilayisha imithwalo ngezikhephe okanye iwela imida. Umbutho wamafama iAgri South Africa ibongoza uMongameli weli uCyril Ramaphosa ukuba athabathe amanyathelo ukuphelisa le ngxaki.

Lo mbutho uthi okutshiswa kweziloli kubetha ngamandla imeko yezimali yelizwe loMzantsi Afrika. “Sibongoza ukuba uMongameli athumele umkhosi wokhuselo ukuba ungenelele ukulwa le ngxaki, kwaye iphandwe ukuba ivela ngaphi,” kutsho ingxelo yeAgri SA.

Lo mbutho ukwabongoza uRhulumente ukuba athume amagosa ebutho lezobuntlola ukuba aphande lengxaki. “Kwilinge lokukhusela amafama, nenkqubo yokuveliswa kokutya kuzwelonke kuquka nobomi babaqhubi beloli sicela uRhulumente agqagqanise ukufumana isisombululo,” yingxelo yeAgri SA.

Zitshile iloli ezithwala imithwalo eLimpopo, eMpumalanga naseKZN kwezona ndlela ziphambili kula maphondo. “Sikhathazekile ngendlela eziqhubeka ngayo ezi ziganeko, abanikazi beloli bayalahlekelwa, namafama ahambisa iimveliso zawo ayalahlekelwa,” itsho iAgri SA.

Kukrokrelwa ukuba abaqhubi beloli belizwe loMzantsi Afrika bakhalela ukusetyenziswa kwabaqhubi beloli abaphuma kumazwe angaphandle.

“Mna ndiqesha abantu boMzantsi Afrika kuphela, kodwa itshisiwe iloli yam, ndilahlekelwe yimali eninzi kakhulu ngenxa yale ntlekele, akukho lula ukuvusa iloli,” otshilo umnikazi weloli ongavumanga negama lakhe.

Kumiselwe ibutho elilodwa lamapolisa angabecuphi abazakwenza uphando olubanzi ngoyena nobangela woku. “Oku kuzakubetha ngamandla ukuthunyelwa kokutya ezivenkileni, lonto izakwenza ukuba kunqongophale iimveliso ezithile,” kutsho iAgri SA.

Lo mbutho uthi lilinge lokuqhwalelisa imeko yezimali yelizwe loMzantsi Afrika ngenjongo zokuba kungabikho zinzo nankqubela. “Oku kongeza ityuwa enxebeni kwingxaki zokuhlaselwa kwamafama lulwaphulo mthetho kwakunye nobusela bemfuyo,” itsho ingxelo yeAgri SA.

Bathi amafama asajijisana nengxaki yokungasebenzi kwemizila yololiwe eyenza ukuba kubenzima kubo ukuthumela imithwalo yabo kwindawo efuneka kuzo ngokukhawuleza. “Makanqande le ngxaki yokutshiswa kweloli zethu uRhulumente kuba oku kuza kwangeza ingxaki ezixake elilizwe loMzantsi Afrika,” itsho iAgri SA.

IAgri SA ngumbutho obanzi oquka imibutho yamafama wenyama, inkozo, ubisi nezinye iimveliso ezithengiswa kwihlabathi. UMphathiswa weSebe lamapolisa kweli uBheki Cele uthembise ukuba amapolisa wakhe azakwenza konke ukuqinisekisa ukuba bayabanjwa abo batshisa eziloli.

“Sinamagama, idilesi nezinye inkcukacha ezimayela nabo bachaphazeleka ekutshisweni kweziloli kulamaphando achaphazelekayo,” utshilo iCele.