Isikolo semfundo sabaneemfuno ezizodwa, iTembisa Special School eMthatha, sivule ngokusesikweni ihostele yaso ngoLwesihlanu umhla wesibini kweyoMnga. UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uvule ngokusesikweni esi sakhiwo sikwikhulu mashumi asibhozo anesithoba ezigidi zeerandi (R189 million).
Le hostele entsha ineebhedi ezintsha ezili-160, ikhitshi nendawo yokutyela, indawo yokuhlamba impahla, indawo yokuhlala abasebenzi, neendawo zemidlalo.
ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni liqhuba izikolo zabaneemfuno ezizodwa ezingamashumi amane anesihlanu (45) kwiphondo liphela, ezibonelela ngezidingo zemfundo eyahlukeneyo kubafundi abaneemfuno ezizodwa eziphantse zibe yi10,000. Isebe likholelwa ekubeni ukubonelela ngeendawo zeehostele kwizikolo ezineemfuno ezizodwa kuphucula ukufikelela kwaye kuthobe iindleko zokuhamba kwiintsapho ezinabantwana abaneemfuno ezizodwa.
UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uthe yenzeka imbali kuba alikho elinye iphondo eMzantsi Afrika elakhe isikolo esinezidingo ezizodwa ukusukela ngo1994 ukuza kuthi ga ngoku.
UMphathiswa uGade uthe kufuneka kubekho iinzame ezidibeneyo zokudibanisa izicwangciso kurhulumente. “Ingaba kukho unxulumano oluthe ngqo phakathi kwale nto yenziwa ngaba tishala apha eTembisa nokuba abantwana baza kwenza ntoni xa begqibile ukufunda? Loo masebe ayafuneka kwezo ndawo.”
UGade uye wakhuthaza imfundo ebandakanya bonke abafundi. “Kufuneka siphucule ngokukhawuleza imfundo ebandakanya bonke abafundi noluntu olubandakanyayo.
“Ngenxa yoko ndithi kulwakhiwo nocwangciso lwaso nasiphi na isikolo ekufuneka sakhiwe phakathi kuka2024 no2026, mabaqokelelwe abantwana abakhubazekileyo abasweleyo bafakwe kwezi zikolo. Ngale ndlela, imiqobo yokukhubazeka esijongene nayo iyaqhawuka,” utshilo.
USekela Somlomo weNdlu yoWisomthetho, uMlibo Qoboshiyane, ungomnye wabathe bathetha, evuyisana nabafundi ekwabethelela ukubaluleka kwentsebenziswano.
“Iflaski eyonakeleyo ngaphakathi ayikwazi ukugcina ubisi. Nokuba unethemba lokufumana into eshushu, ukuba yonakele ngaphakathi, yilahle. Asinakuba sisizwe esikhubazekileyo ngokwasengqondweni; kufuneka sibethelele ithemba kwaba bantwana,” utshilo uQoboshiyane.
UQoboshiyane ukwabulele ootishala, esithi nokuba kunzima kangakanani na kodwa banike abantwana uncumo nanjengoko esi siseko siza kuba lilifa.
Iprojekthi yesikolo semfundo eneemfuno ezizodwa iTembisa Special School yachongwa ngo2007, yaye ukwakhiwa kwaqala ngeyeThupha ka2018 kwaza kwagqitywa ngeyeDwarha ka2022.
Iseseziseleni inesi yaseMthatha etyholwa ngezenzo zokuxhwila!