AmaZulu achonge uRomain Folz njengomqeqeshi wawo omtsha. UFolz, 32, uza kuncediswa nguAyanda Dlamini kude kuphele isizini eqhubekayo yeDStv Premiership. Le ndedeba yaseFrance, enengcambu eziseMorocco, ingena endaweni kaBrandon Truter ogxothwe ekuqaleni kwale veki emva kokuba AmaZulu equthiswe yiRichards Bay FC ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obulidabi lokukhaya kwiphondo laKwaZulu-Natal. Akemtshanga uFolz ebholeni yaseMzantsi Afrika nangona kungekho nto ingako aziwa ngayo.
Ebengumqeqeshi weMarumo Gallants kutshanje – kodwa uye wayishiya kuba esithi uHarris Choeu umxelela indlela amakenze ngayo umsebenzi wakhe. Phambi kokufika kukaFolz, amagama wamadoda afana noMuhsin Ertugral noErnst Middendorp ake oyanyaniswa nesihlalo esitshisayo sokuqeqesha AmaZulu. Nangoba eshiye iGallants ingabethwanga ezandleni zakhe – kodwa usabonwa njengomqheliswa uFolz ngabalandeli bebhola. Ukusukela mhla wathenga AmaZulu FC, uMnu. Sandile Zungu ufake abantu esikhundleni sokuqeqesha kane.
Ethethela isigqibo sakhe, uZungu uthe ukhethe umqeqeshi okwaziyo ukuhlalutya ibhola ngendlela yale mihla. “UFolz ngungqondongqondo womqeqeshi oyaziyo ibhola yale mihla. Ebengumqeqeshi weMarumo Gallants kutshanje. Uza kuncediswa nguDlamini obengumqeqeshi weqela lethu labadlali abancinane abadlala kwiDStv Diski Challenge futhi owayekhe waqeqesha AmaZulu ngaphambili,” utshilo uZungu kwingxelo ebhaliweyo ayikhuphe ekuseni namhlanje.
Nangona ingacacanga kakuhle indawo kaSiyabonga Nomvethe, obekhe walisekela likaBenni McCarthy ogxothwe phambi kokusongwa kwesizini egqithileyo, usihlalo weqela uthi uza kusebenzisana nomqeqeshi omtsha. UFolz uza kuxhuzula imikhala okokuqala xa AmaZulu ethathana ne-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership olandelayo. Amandla wakhe uFolz aza kuvavanywa xa AmaZulu edibana neChiefs emdlalweni weMTN8 phambi kokuphela kwale nyanga nakwiCarling Black Label Cup yosuku olunye eza kudlalwa ngamaqela amane eFNB Stadium kwinyanga ezayo.
UMzantsi Afrika uzama inzolo eMozambique