Umtsi ngamnye
ewenzayo iMamelodi Sundowns ngoku wenza umahluko kwiphulo layo lokuvala
umsantsa ophakathi kwayo neKaizer Chiefs ehleli phezulu kwiPSL. Namhlanje iDowns
ifumene amanqaku amathathu emva kokubethwa iStellenbosch ebinenkani ngegowuli
elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe e-Athlone Stadium kobu busuku. Iziphumo zomdlalo ezincumisayo ziyibeke endaweni entle
iSundowns efuthela emagxeni weChiefs ehamba phambili ngamanqaku amane kuphela.
Amakhosi agqwidizile kwiveki ephelileyo ngethuba ezibethisa ngaMaZulu ngo’1-0 abesokola
kakhulu esemsileni. Igowuli lempumelelo emdlalweni wanamhlanje elifakwe
nguThemba Zwane emzuzwini wethoba kwisigaba sokuqala liza kufunqula iSundowns
njengokuba iza kujongana ne-Orlando Pirates emdlalweni wayo olandelayo kwiveki
ezayo.
Emva kokukhutshwa
kwiCAF Champions League kwiveki ephelileyo, bekunyanzelekileiDowns izame ukulungisa ukuhlala kwi-Absa Premiership
eziintshatsheli ezikhuselayo kuyo. Luwulawule umdlalo iqela likaPitso Mosimane –
kodwa alikwazanga ukuwasebenzisa amanye amathuba, mhlawumbi, ngenxa
yokuqhokreka kwemilenze yabadlali abaphuma emdlalweni weChampions obunzima
eLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iDowns
ihamba phambili ngegowuli. Amathuba weStellenbosch avele aliqela kwisigaba
sesibini – kodwa abadlali abafana no-Ovidy Karuru abakwazanga ukubhalisa
ebhodini. Kuye kwanyanzeleka Amasandawana axhathise kakhulu ngabadlali
abanamava ukuze avale abadlali beStellies abebekhangela igowuli ekuzeni kuphela
komdlalo. Yimpumelelo ebalulekileyo kakhulu le kwiSundowns njengokuba isilwela
ukufumana iindebe ezintathu kule sizini.
Inkqubo kamabonakude entsha ekhangela abaduka bashiya izinqandamathe zabo