Luzakuvelisa iifilimu zikamabonakude neenkqubo-mbaliselo ulutsha lwaseBhayi emva kokuxhotyiswa ngezakhono zokubhala iimibhalo yeefilimu nangobuxhakaxhaka beekhamera kwilinge likamasipala waseBhayi elibizwa ngokuba yiTownship Film Factory.
isithethi kumasipala waseNelson Mandela Bay uMthubanzi Mniki uthe, umasipala wakhe ebambisene nedyunivesithi iWalter Sisulu nenkampani yaseBhayi evelisa iifilimu ebizwa ngokuba yiShoot 97 bazibandakanye kwiphulo lokuqeqesha ulutsha kweli cala ngeenjongo zokuphuhlisa iitalente nokuvelisa ababalisi abaphum’izandla. UMniki uthe, baqeqeshe malunga namashumi asixhenxe anesihlanu abantu abatsha kuqeqesho oluthabathe inyanga luqhutyelwa kumathala eencwadi aseNew Brighton, eTinarha naseGelvandale. Uthe, emva koqeqesho kulindeleke ukuba abo bathe bathabatha inxaxheba benze iikampani zamaqela bevelisa iifilimu.
“Isikhululo sikamabonakude sase Bhayi iBay TV izakuxhamla nayo nanjengoko ilelinye lamaqabane ethu kweli phulo.Kungoku nje sineshumi elinesihlanu leekopi ezigqityiweyo zeenkqubo mbaliselo ezizakuboniswa kulo nyaka uzayo neziveliswe ngabaqeqeshwa bethu”.Utshilo.
UWarda Mallic k wakwa- Shoot 97 uthe abaqeqeshwa bayakufumana izatifikethi eziphawuliweyo bezakuthiwa jize nangethuba lokuvelisa inkqubo yabo ezakuphuma ngelo xesha kwisikhululo iBay TV. Uthe, iNelson Mandela Bay ityebile ngamabali alindele ukubaliswa ngabantu baseBhayi.
“Ngabantu abahlala ezilokishini kanye abana bafanele ukubalisa amabali ethu ngendlela abafuna ukuwabalisa ngayo, ngoku ke sibavulele umnyango ukuze bawusebenzise bekhuphela konke abakufundileyo bebalisa loo mabali”.Utshilo.
Omnye wababengenele olu qeqesho, uLinda Tsoko wase-New Brighton uthe, kuninzi akufundileyo ukuqalela ekubhaleni imibhalo ngqangi ukuya ekusebenziseni ikhamera esithi olo lwazi luyakumncedisa ukubheka phambili.
“Siyambulela umasipala wethu ngokusincedisa ekongezeleleni kulo nto besinayo ngaphambili.
UShoprite ufumene isilumkiso ngokutya okuphelelwe lixesha nelindle lempuku elifunyenwe evenkileni