“Ukunceda umntu ongathathi-ntweni yimfundiso yasekhaya endayifundiswa ngabazali bam ngethuba ndisakhula.”
Utsho uTshepo Machaea odume ngokunceda abantwana abahlala ezitalatweni EMthatha.
Eli bandla laseMthini likhokelwa nguMachaea, ngoLwesithathu lisingethe itheko leKrisimesi labantwana abangaphezulu kwamakhulu amabini eMthatha. Likwenze nomgidi wamakhwenkwe ahlala ezitalatweni amabini nekuyinto esungulwe okokuqala kweli phondo.
Ukunceda abantwana kweli bandla kuqale ngo2008 emveni kokubona imeko abahlala phantsi kwayo.
“Lo msebenzi sizakuqhubela phambili nawo. Abantwana abahlala ezitalatweni bajongene neengxaki eziliqela, sithathe isigqibo sokwenza eli theko siphinde senze umgidi wala makhwenkwe mabini asuka kumakhaya angathathi-ntweni,” utshilo uMachaea, igosa lezendlela kwiphulo uFika uPhila (Arrive Alive).
Iingxaki abanazo abantwana uninzi lwabo kukungazi ukuba bazalwa ngobani. UMachaea ukwancede aba bantwana ngemfundo enomsila.
Bebonke asele befunda kumaziko emfundo enomsila balinganiselwa kumashumi amahlanu. ULuvuyo Kefeni ofunda eWalter sisulu eGcuwa, uthi wacholwa emangcwabeni eCala eneenyanga ezimbalwa ezelwe wagcinwa kula maziko agcina abantwana abangebani. Ubulele uMachaea nebandla ngokumhlangula kwimeko ewayekuyo. Uthi kungoku nje ugqibezela izifundo zakhe kwicandelo lezobunjineli.
U-Asandile Vinkqishe obesenzelwa umgidi uthe, uncedwe libandla laseMthini lamsa esuthwini emveni kokushiywa ziintanga. besele ndirhalela nokuzibulala, namhlanje ndizofana nabanye abantwana abanabazali.”
Liza kuxoxwa kunyaka ozayo ityala likatitshalakazi ongenamatriki oberhola ngapha kwesigidi