Emva koqhankqalazo oluthathe ixesha elide ngamafama aseWales awayechasene neenguqu ezicetywa ngurhulumente malunga nendlela anikwa ngayo inkxaso la mafama, urhulumente urhoxile.
Urhulumente waseWales wayeceba ukunyanzela amafama ukuba asebenzise ishumi lepesenti yomhlaba wabo ukutyala imithi njengomqathango wokufumana inkxaso-mali karhulumente.
Amafama wela lizwe angene ezitalatweni eqhuba oogandaganda edolophini ngelizama ukuvakalisa intlungu yawo echasene nesi sigqibo.
Lo mbono karhulumente waseWales ubuhambelana neenjongo zokwenza utshintsho kwindlela ekwenziwa ngayo ezolimo ngelikhusela indalo. Umfama ngamnye eWales ebezakunyanzeleka ukuba asebenzisi inxenye yomhlaba wakhe ukutyala imithi ehambelana norhulumente.
USekela Mphathiswa wezolimo eWales, uHuw Irranca-Davies, uthi bebetshilo ukuba baza kumamela izimvo zamafama ngokumayela nale ngxaki.
“Njengokuba besithembisile ukuba siza kumamela amafama ukuba athini ngalo mbono, senze loo nto sizivile izimvo nendlela abeva ngayo ngalo mcimbi,” kucacisa uIrranca-Davies.
Uthi baza kuwacenga amafama ukuba aqhubeke nomsebenzi wawo, kodwa akuqaphele ukukhusela nokukhulisa indalo ukuze kuqaqambe ikamva. “Ngoku amafama aza kuxhamla ngendlela eyahlukileyo kunaleyo besiyicwangcisile singurhulumente, ngoko ke sicela intsebenziswano kumntu wonke,” kutsho uIrranca-Davies.
Ngamawaka amathathu amafama wela lizwe athi angena ezitalatweni kwiidolophu eziphambili eWales ekuqaleni kwalo nyaka esithi awakufuni ukwenziwa kwalo mthetho kwiifama zawo.
“Ukuphela kwemithi, nokuzama ukukhusela indalo sesona sizathu siphambili ebesibangela ukuba senze esi siphakamiso kumafama wethu,” uvale ngelo uIrranca-Davies.
Owabulala inkosikazi wayipapasha kuFacebook uzibulele