Ngamashumi amahlanu anesithathu iinkomo zohlobo lweBonsmara ezibulewe kukubethwa ngumbane eMntla Ntshona.
Iphondo laseMntla Ntshona lineziganeko eziliqela eziqhelekileyo ngeli xesha lasehlotyeni lokubethwa kwabantu nemfuyo ngumbane.
Iinkomo zohlobo lweBonsmara ziinkomo ezixabiso liphezulu kakhulu xa zithelekiswa nezinye iinkomo. Wonke umfama usoloko enqwenela kakhulu ukuba abengumnikazi weenkomo zohlobo lweBonsmara.
Kaloku ezi nkomo zihamba phambili ngokuvelisa inyama esemgangathweni, kwaye ambalwa amafama amnyama afuya ezi nkomo. Lo ngomnye wamafama ambalwa aqalayo ukuqaphela ixabiso lenkomo yohlobo lweBonsmara.
Iqikelelwa kwisigidi ilahleko ethe yenzeka ngenxa yokufa kwezi nkomo kule fama, kwaye kulindeleke ukuba umnikazi wefama acele uncedo. Oku kufundisa namanye amafama ukuba aqaphele iimeko zemozulu eguqukayo ukuba ichaphazela njani imfuyo nokulima ezifama.
Ukulandela ulwazi olukhutshwa zizanuse zezulu malunga nemozulu yosuku ngalunye kubalulekile kuba kuxhobisa umfama ukuba ayazi xa kufanelekile ukuba azikhuphe ebuhlanti iinkomo zakhe.
Xa ukhangela kulo mfanekiso zibethwe ngumbane zihleli phantsi komthi ezi nkomo. Mihla le amagosa emozulu alumkisa uluntu ngokuba bahlukane nokusondela phantsi kwemithi xa kukho imibane neendudumo.
ICity Tigers iphumelele ngenxa yokuzimisela kwitumente yaseDutywa