Emva kokuqhuba kakuhle kweqela lesizwe lomnyazi, umqeqeshi uthi iliso lakhe likwitumente equka izizwe ze’Afrika. UJenny van Dyk ukuthethe oku emva kokuba iSpar Proteas itywatyushe iMalawi ngo’69-24 emdlalweni wovavanyo weSpar Challenge obubanjelwe kwibala ekuthiwa yiEllis Park Arena, eGoli, kwiveki ephelileyo.
Emidlalweni emithathu edlaliweyo, uMzantsi Afrika utshayele yonke into ebiphambi kwawo. Ngumsebenzi omhle futhi onika umfutho phambi kwetumente ekwinyanga ezayo. Sisiqalo esihle kuJenny van Dyk ongumqeqeshi omtsha weSpar Proteas. Ithathe iintambo zolawulo kwiinyanga zokuqala kulo nyaka uphelayo.
Uncediswa nguZanele Mdodana – kanti uKapteni weqela nguKhanyisa Chawane odlala esiswini. Bekungelulanga ukoyisa iMalawi ebilwela ukuphumelela – kodwa uMzantsi Afrika uye wazicacisa ukuba uziingangalala ebholeni yomnyazi kwizwekazi le’Afrika. Njengokuba abadlali bephindele kumaqela abawadlalelayo, umqeqeshi uthe uza kwenza indlela yokuxhumana nabo.
“Sizimisele ukutyelela abadlali kwiindawo abakuzo ngoba kufuneka siqinisekise ukuba bakulungele ukudlala ngoba siya kwiAfrica Netball Cup ukusukela ngomhla wesibhozo ukuya koweshumi elinesihlanu kwinyanga ezayo. Sendivile ukuba i-Uganda neMalawi ziyaya nazo. Yitumente ebalulekileyo kakhulu kuthi.
“Siza kudibana ne-Uganda emva kokuba yasibetha emidlalweni yeCommon Wealth,” utshilo uVan Dyk encokola neSABC kutshanje. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uziphindisele. “Itumente yehlabathi yeyona nto ebalulekileyo kuthi. Kufuneka sivale umsantsa ophakathi kwethu ne-Uganda.
“Ndiyitsho lo nto ndisazi ukuba akusoze kubelula – kodwa sinoxanduva lokuzilungiselela kakuhle. Sonwabile emva kokubethwa iMalawi emidlalweni emithathu. Kusoloko kunzima ukudlala neMalawi ekhaya ngoba abalandeli balindela impumelelo ngamaxesha onke. Siyavuya ngoba besifuna ukuqala umsebenzi wethu ngokuphumelela umdlalo,” utshilo uVan Dyk.
Kubanjwe ababini ngokubulala umnini venkile kuQumbu