Idlulele kwisigaba sokugqibela iMamelodi Sundowns emva kokuphumelela umdlalo obalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns inqwamze iMarumo Gallants ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eDr Molemela Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Umdlalo ubuhle ngeyona ndlela emangalisayo ebaleni ebeligcwele abalandeli baseBloemfontein abadume ngokucula. Ekuqaleni komdlalo, bekunzima ngoba bekungekho qela elifuna kufakwe igowuli kulo.
Emizuzwini yokuqala, uRayners (Iqraam) ufumene ithuba lokubeka iSundowns endaweni entle – kodwa uWashington Arubi akavumanga kufakwe igowuli kuye. Ukuzithemba kuye kwakhula kubadlali bakhe uDan Malesela. Ntekunayo woyisiwe kukukhaba kakuhle uSiyabulela Shai efumene ithuba emzuzwini weshumi elinesixhenxe. Naye uPeter Shalulile uphose ithuba lokubhalisa ebhodini. Ebexakekile ezipalini uRonwen Williams ovale iibhola eziphantse zayifaka engxakini kakhulu iSundowns.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini. Noxa iSundowns iqale kakuhle – kodwa ibicinezelwe yiMarumo Gallants edlale umdlalo omhle kakhulu. Emva kwexesha elide izama ukutyhoboza iSundowns, ide yalifumana igowuli ngepenela. Lifakwe nguLucas Ribeiro emva kokuba uMarvin Sikhosana ebambe ibhola ngesandla emhlabeni kanozinti. Emva koko, iSundowns ithathele kuyo nakubeni bekusenzima ukugqobhoza kwiMarumo Gallants ebisilwela ukufumana igowuli lokulinganisa.
Emizuzwini yokugqibela yomdlalo, uNeo Maema ufake igowuli lesibini eliqinisekise impumelelo yeSundowns emdlalweni wanamhlanje. Ngoku iqela likaManqoba Mngqithi liza kudibana neMagesi FC eyoyise iRichards Bay ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obubanjelwe eKing Zwelithi Stadium emalanga izolo. UClinton Larsen unethemba lokuwisa iSundowns emdlalweni wokugqibela ngokufanayo nonyaka awayeqeqesha ngawo iBloemfontein Celtic eyathatha indebe idlala neSundowns.
UNabi ufuna abadlali abavutshiweyo, hayi imiqheliswa kwiChiefs!