Akayifunanga ibheyile ojongene netyala lokubulala abayi-18 eNgobozana

Ityala likaSiphosoxolo Myekethe (45) ojongene netyala lokudubula abulale abantu abayi-18 kumakhaya amabini azalanayo kwinyanga ephelileyo, kuNgobozana eLusikisiki, kwanokuba nompu iAK47 ongenazimpepha, limiselwe inyanga ezayo.

UMyekethe uvele ngoLwesibini kule veki kwinkundla yamatyala eLusikisiki nalapho angakhange asifake isicelo sebheyile nanjengoko bekulindelekile.

Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi okaMyekethe wenze isigqibo esiqiqileyo ngokuthi angasifaki isicelo sebheyile kuba beyiNPA bebezakusikhaba.

“Esi sisigqibo esiqiqileyo kuba sakuncedisana nombuso kungadwe kuchithwe ixesha lenkundla ngonobenani. Esi sigqibo sommangalelwa sakunceda ekubeni eli tyala likhawulezise liye emaphethelweni ukuze lixoxwe ityala,” utshilo uTyali.

USiphosoxolo Myekete (45) enkundleni eLusikisiki ngoLwesibini nongakhange ayifune ibheyile. UMFANEKISO: NPA

Lo ubanjwe ekowabo eMamfengwini ngoLwesibini kwiveki ephelileyo, ze wavela kusuku olulandelayo uLwesithathu kwakwiveki enye.

Inkundla iye yamfumanisa ukuba ungaphandle ngengqawule njengoko wayekhe wagwetyelwa ukubalala ngaphambili kwaye ukwanalo nelinye ityala elokuqhwesha eluvalelweni.

Ityala limiselwe umhla wama26 kwinyanga ezayo, uNovemba, kuba kusazokwenziwa uphando oluphangaleleyo.

Abahlali, amalungu eentsapho kwanamalungu ombutho weUDM ebezalise phambi kwenkundla ukuzokuzibonela kwanokuzivela.

Amaxhoba onke angcwatyiwe ngoLwesihlanu, ngoMgqibelo nangeCawa ngokokuhlukana kwawo.