Iincwadi zembali zebhola ekhatywayo zibhalwe ngokutsha namhlanje emva kokuba i’Orlando Pirates iphumelele indebe yeMTN8 kwakhona. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates iquthise iStellenbosch FC ngo’3-1 emdlalweni weMTN8 Cup obinzima eMoses Mabhida Stadium namhlanje ngorhatya.
Impumelelo yePirates ithetha ukuthi iphumelele iMTN8 iminyaka emithathu ilandelelana – into engazange yenzeka. Nakubeni uMojela enze idemesha kuqala emdlalweni, uSaleng, uMabasa noMofokeng baqinisekise ukuba iPirates iphakamisa indebe. Amaqela awuqale ngokukhulu ukuzimisela umdlalo weMTN8.
Inkqonkqoze kuqala iStellenbosch – kodwa iPirates ikwazile ukuvala amazibuko. Izinto zikhawuleze zonakala ngoba omabini amaqela ebengxamele ukubhalisa ebhodini kwangoko kwisigaba sokuqala. Ifolosi eyinkathazo, uLehlohonolo Mojela, ifake igowuli elihle ngebhola ethe gqi ekunene.
Kuye kwakhula uxinizelelo kwiPirates njengeqela ebelikhusela indebe. UPatrick Maswanganyi uzamile ukufumana igowuli lokulinganisa emzuzwini wamashumi amabini anesixhenxe – kodwa ibhola yakhe idibene noSage Stephens wayichitha. Khange iyeke ukuzama iPirates yade yafumana igowuli elihle elifakwe nguMonnapuleng Saleng.
Ufumene ibhola echithwe ngunozinti emva kwebhola entle ebikhatywe nguDeon Hotto ethe qelele. Omabini aye kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli macala. Amaqela abuyele ebaleni kwisigaba sesibini athatha apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. IPirates ibuye yadlala umdlalo obhetele kakhulu kunendlela edlale ngayo kwisigaba sokuqala.
UHotto uzamile ukufaka igowuli – kodwa ibhola yakhe ayingenanga emnatheni. Emva koko, kungene uMofokeng wonda ngayo iStellenbosch. Khange ikwazi ukudlala kakuhle iStellenbosch kwisigaba sesibini. UMabasa noMofokeng bafake amagowuli ekupheleni komdlalo yaphumelela iPirates indebe yeMTN8.
Ingakho imfazwe yobukhaya eMzantsi Afrika