Umbutho wesisa, iMotsepe Foundation, ubambisene noSanlam, ugide ngemali engamashumi amathathu anesibini ezigidi zerandi (R32-million) emidlalweni nasemculweni weekwayala zezikolo eMzantsi Afrika. Yiminyaka usapho lakwaMotsepe luxhasa itumente yezikolo ekuthiwa yiKay Motsepe Championship, ekuhambeni kwexesha baye baxhasa neekwayala zomculo ezikolweni zaseMzantsi Afrika.
Iitumente, emidlalweni nasemculweni, zinika abantwana abasakhulayo ithuba elihle lokuqaqambisa iitalente zabo kuzwelonke. IKay Motsepe Schools Champions yeyona tumente yemidlalo enkulu eMzantsi Afrika ngoba ngabantwana bezikolo eziqabele kumawaka alishumi ezithi zidibane kwiindawo ezahlukeneyo.
Ukungenelela kukaSanlam kuchazwe njengophawu olubonisa ukuzibophelela kwakhe kuphuhliso lwabantu abatsha eMzantsi Afrika. Ethetha namajelo eendaba, uGqirha Patrice Motsepe uthe itumente yebhola nokhuphiswano lomnculo zizinto ezinika ithemba ulutsha.
“Kusivuyisa kakhulu ukufumana ithuba lokwenza izinto ezinika ulutsha ithuba lokukhula nokuveza italente,” utshilo iGqirha Motsepe. Naye uBongani Madikiza wakwaSanlam waleke umsundulo ngelithi bazimisele ukuxhobisa uluNtu ngolwazi kwicala lezimali.
“Ukusebenzisana kwethu neMotsepe Foundation kubonisa ukuzinikela kwethu ekuncedeni ulutsha ngezakhono ezingalunceda luzuze impumelelo. Sisebenzisa imidlalo nenkcubeko njengendlela yokudibanisa abantu ukuze bakwazi ukuphuhlisa iingcinga zabo ezingajika zibe zizinto ezinkulu ngenye imini,” utshilo uMadikiza.
Umcimbi obubanjelwe eSandton, eGoli, ubuwenziwe shushu bubukho boosaziwayo abafana noHlompho Kekana owayedlalela iMamelodi Sundowns, Andile Ncube weSABC TV noTshina Mdau owayedlalela iSPAR Proteas. UGqirha Motsepe uyibulele inkxaso yabo.
“Siyamkela ngezandla zozibini inkxaso esiyiphiwe ngabantu esisebenzisana nabo. Injongo yethu kukwabelana nolutsha ngezinto eziza kuthi ziguqule ubomi balo. Sizama ukwakha iinkokheli zangomso eziza kunceda kwiindawo esihlala kuzo,” utshilo uMotsepe. Iitumente ziza kuqala kwinyanga yeThupha ukuya kwinyanga yeDwarha.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!