Kubanjwe amadoda amane ene-abalone eGqeberha

Amapolisa aseGqeberha, abambe, avalela amadoda amane nafunyenwe ene-abalone engekho semthethweni, izolo.

La madoda aphakathi kweminyaka eyi-22 ukuya kwiminyaka eyi-25.

Oku kulandela emva kokuba amapolisa efumene iinkcukacha ngabarhanelwa ebebelayisha iibhegi kwiPolo emhlophe, elunxwemeni lolwandle.

Amapolisa encediswa ngamalungu eDepartment of Forestry, Fisheries and the Environment, abone le moto ze ayimisa, njengoko ibifana naleyo bafumene iinkcukacha zayo ngaphambili. Le moto imiswe kanye eMarine Drive, eSummerstrand.

Kufunyenwe iingxowa ezimbini ze-abalone ngethuba amapolisa egqogqa esi sithuthi. Ezi ngxowa zifunyenwe zineeyunithi ezingama-200 ze-abalone, nexabiso layo liqikelelwa kwi-R100 000.

Abarhanelwa babekwe ityala lokuba ne-abalone engekho semthethweni, kwanokuyithutha. Ukanti baza kuvela kwinkudla yamatyala kungekudala, ukuze bajongane namatyala abo.